Ungafaka isicelo sokuba kuhlonyelwe ulwazi kwirejista ekubhaliswa kuyo abantu ukuba:
- kubhaliswe kwakhona umntwana ozelwe ngaphandle komtshato ukuba ngaba abazali bakhe baye batshata ekuhambeni kwixesha
- kufakwe iinkcukacha zikatata womntwana ozelwe ngaphandle komtshato kwirejista yokubhalisa abazelweyo
- kufakwe igama okanye ifani yomntu obebhaliswe ngaphandle kwayo kwirejista yokubhalisa abazelweyo
- ukujika igama
- ukujika ifani yomntwana
- ukuqalisa ukusebenzisa ifani eyahlukileyo
- ukuyshintsha isini
- ukulungisa umhla wokuzalwa, isini okanye indawo yokuzalwa.
Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokufaka isicelo okanye qhagamshelana .