Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nesicelo sephepha-mvume lokuqhuba
Ungafaka isicelo sephepha-mvume lokuqhuba okwethutyana ukuba ufake isicelo sokuhlaziya iphepha-mvume lakho eliphelelwe lixesha okanye ulahlekelwe liphepha-mvume lakho lokuqhuba.
Eli phepha-mvume lisemthethweni iinyanga ezintandathu kwaye likhutshwa nakweliphi na iziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba.
- Yiya kwiziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba elikufutshane uphethe oku kulandelayo:
- Ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yesazisi (i-ID) sakho okanye i-ID yethutyana
- Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayikho egameni lakho egama lakho, lo mntu isegameni lakhe kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize ileta ye-akhawunti leyo ihambe nenkcazelo leyo ifungelweyo.
- Ukuba ngaba uhlala endaweni engamatyotyombe, kufuneka uze nencwadi engqina idilesi yakho yeposi nendawo ohlala kuyo enestampu esisesikweni esigximfizwe nguceba wewadi.
- Iifoto zakho ezine ze-ID ezifanayo ezimbala umnyama namhlophe. Kufuneka uqale ngokuqinisekisa kwiziko i-DLTC ukuba kufuneka iifoto ezingaphi na phambi kokuba uthathe iifoto.
- Umrhumo omiselweyo.
- Gcwalisa ifomu (i-DL1) yokuFaka isiCelo selayisenisi yokuqhuba.
- Gcwalisa ifomu (i-NCP) yokwazisa ngokutshintsha kwedilesi yakho okanye yokutshintsha kweenkcukhacha zomntu okanye zombutho.
- Uza kwenziwa uvavanyo lwamehlo kwiziko lovavanyo okanye ungalwenza uvavanyo lwamehlo kugqirha wamehlo ofanelekileyo uze unikezele ifomu yalo kwiziko lovavanyo.
Iphepha-mvume lokuqhuba lethutyana likhutshwa kwangolosuku lesicelo.
Thintana ne-ofisi yokukhupha iimvumo yangekhenu ukuze uthole ilwazi ngeendleko.
Isicelo sephepha-mvume lokuqhuba, DL1. Zalisa uxwebhu lwesicelo olufumaneka kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba.